Eli Alolizwe Lwenkene-nkene

Eli alolizwe lwenkene nkene,
ngochwepheshe,
isaqwithe siyishiya intliziyo idlakadlaka,
umoya uphasalakeleligcwe lubumene mene,
inkohlakalo eyenziwa kwindzingo zakwa ntshabalala,

Eli alolizwe lwenkene nkene,
Okuthetha ngomlomo kuyadala,
Uzwi uhlale’hleli, uyakha kwaye uyachitha,
simane sibuzana kwathini ngobani kanti gamandla angapha kwakho umchithele umntanomntu.

Eli alolizwe lwenkene nkene,
bahlala besithi bafike kumoshakele,
kodwa inyani ithi nabo boyisakele zizimbo zasebomini…

I am Namhla Kalipa-Tunyiswa on facebook

Leave a Comment

Leave a Comment