Laphum’ilanga

Laphumi langa, phantsi kwamafu
Inqindi phambili ngamandl’ enkululeko
Bedikiwe zingcinezeloko zalomithetho
Sangcwal’ izitalato isizukulwana sika phalo

Matters forced them to strike their harsh realities of endless inequalities
Amandla ngawethu, idolo phezulu
“Down with Bantu education down”
“To Hell with Afrikaans”
As they matched the streets of Soweto
Over 15000 uniformed black students scattered, blood shattered and history was made “The Sowetho Uprising”

Laphumi langa, phantsi kwamafu
Nantsi nkululeko yeminqweno bokhokho bethu
Bamfumene ethe tywa phantsi komfula emveni kwentsuku ezine uSizwe
Ugqityelwe ubonwa zintanga zakhe

Bezishushele ngamandla wayenentetho zoyothatha owakwakhe kwi ngingqi ezithile
Ubhadule kokobunyama unyana womntu

Kwecwaka, kwathula kwathi tu ngomkhondo
Satsho isijwili sesikhukukazi
Yakrazuka intliziyo yeminqweno lengomso eliphukileyo

Yabuyindlala ebimke nemizamo yeminyaka
Umkile uSizwe neNkululeko yeziyobisi
Umkile uSizwe neNkululeko yeziyobisi
Umkile uSizwe neNkululeko yeziyobisi

I am Namhla Kalipa-Tunyiswa on facebook

Leave a Comment

Leave a Comment