Mbambeni Nanko Ebaleka Nentliziyo Yami

Mbambeni
Nanko ebaleka nentliziyo yam
Uphuncukile ezandleni zam
Sikhalelene noNobulali wam
Amaphupha akafezekekanga phakathi kwam nesithandwa sam

Mbambeni
Nanko ebaleka nentliziyo yam
She’s in love with another bekungekho zam, nangona kushushu phakathi kwamathanga’am
Ngamafutshane ebengenokunyamezelana nam kunye nezinto zam
Ebenomona ngam, ebequmba abesisifu xa ibidibene nam

Mbambeni
Nanko ebaleka nentliziyo yam
Ebengaqali uthandwa, kwaye nam
Wakhe wadlala iRayiRayi kodwa nam
•1•U •2•ALWAYZ •3•ON •4•MY •5•MIND •6•DONT •7•U •8•EVER •9•DOUBT •10•MY •11•LOVE
Endiphuza kanobomi kulencwadana wayibhalayo uNobulali wam

Mbambeni
Nanko ebaleka nentliziyo yam
Ayika pheli naleminyaka ilithoba yakho nam
“Lolwethu oluthando
lunzima, luyasinda, lubambe lufudumele,
Ungatshi! Shuuuuuu…
Lidangatye, lwakhiwe, lwafuthwa, lwabiyilwa ndim Ngu… ligama lakhe elo
Lusithe lungadilizwa
Kodwa… Kodwa… Ndiluthembile
Bathi nguThembakazi, Thenjiwe
Nothemba xa beliteketisa
… *nguye ebebhala*”

Mbambeni
Nanko ebaleka nentliziyo yam
Kwanele ndizothule izixhobo zam
Kwaye akasathandisi ngam
Bendcela nje ke okwengqondo zam

Mbambeni nanko bethuna ejikela ikona..

I am Namhla Kalipa-Tunyiswa on facebook

Leave a Comment

Leave a Comment